IKOMITI YOMPHATHISWA YEMIKHWA ESESIKWENI YOPHANDO NGEZEMPILO
C/O INKQUBO ZOPHANDO NGEZEMPILO, UKUHLANGANISWA KOPHANDO KUNYE NOFUNDO NGEZIFO
ISEBE LEZEMPILO
INGXOWA EYODWA X 828
UMNXEBA: 012 312 0995
YINTONI NA EKUFANELE UKUBA UYAZI XA UTHATHA ISIGQIBO SOKUTHATHA INXAXHEBA KUVAVANYO LWAMAYEZA NJENGOMTHATHI NXAXHEBA KUPHANDO
INTSHAYELELO KUNYE NOMBULELO NGEGALELO
Le ncwadana iqulethe ulwazi jikelele ngokuvavanywa kwamayeza. Ulwazi oluthile ngovavanyo lwamayeza wena ocinga ukuthatha inxaxheba kulo okanye ocelwa ukuba uthathe inxaxheba kulo kufuneka lunikezelwe okanye lufumaneke kubaphandi bovavanyo olo.
Le ncwadana yaveliswa ngoncedo kunye negalelo lwencutshe kunye namalungu akwi komiti ezahlukeneyo. Uncedo lwenziwe ngamagosa oburhulumente kunye neSebe lezempilo ingakumbi uPhando lweNdlela yezeMpilo, Ukulungelelana koPhando kunye noLawulo lwe-Epidemiology kunye naMayeza.
Le ncwadana isebenzisa amaxwebhu ahhlukahlukeneyo kuquka oku :-
Isebe lezeMpilo Imigaqo Yokwenza Okulungileyo kukhokelo loVavanyo ngaMayeza kuLuntu Oluthatha Inxaxheba eMzantsi Afrika.
Isebe lezeMpilo Ukuyilwa kweMkhwa eSesikweni kuPhando lwezeMpilo: Izisekelo, isakhiwo kunye nenkqubo.
Iqela elibhalayo: Imigaqo yoVavanyo lwaMayeza oMzantsi Afrika
Iqela elibhalayo Imigaqo ngemikhwa esesikweni ngophando lwe-HI
LUYINTONI UVAVANYO LWAMAYEZA
Uvavanyo lwamayeza luphando okanye uphengululo olunjongo yalo ikukuvavanya ukhuseleko, ukulunga, impumezo kunye/okanye nokusebenza kwamayeza akhoyo amatsha okanye amadala, amacebo ngamayeza kunye/okanye ukukhethwa konyango kusetyenziswa uluntu oluthatha inxaxheba.
Ukhuseleko lwamayeza luthetha ukuba ingaba unyango okanye iyeza linobungozi okanye lungenzakalisa impilo yomntu.
Impumezo uthetha ukuba ingaba liyasebenza okanye alisebenzi ukuxilonga, ukunyanga, ukuthintela, okanye ukunyanga imeko yesifo. Oku kuno kuquka ukuthelekisa impumezo phakathi kwamayeza amabini okanye ngaphezulu.
Ukusebenza kuthetha ukuba ingaba lingcono/ okanye liyagqwesa xa lithelekiswa namanye amancedo okunyanga okanye amayeza kwimeko ezifanayo.
Ukulunga kubhekiselele kwimfezeko xa iyonke kwakunye nokwenziwa kweyeza okanye icebo ngamayeza avumela ukuba lisetyenziswe ngokoyilo lwalo naluphi na ixesha phantsi kwemeko ezilindelekileyo kwinkqubo yokunceda umguli ngaphandle kokwenza imonakalo ngokungafanelekanga kumsebenzisi.
Igama elithi "iyeza" liquka amayeza athi asetyenziswe ukunceda izifo ubuchule ngamayeza nokunyanga, ukukhusela izifo amayeza okukhusela, umzekelo uthintela kunye namayeza athi asetyenziswe kuphando olulodwa amayeza okuqonda isifo umzekelo amayeza asetyenziswa ngelixa likuxilongwa kwe-X reyi eyodwa ukujonga izintso.
Izigaba zovavanyo lwamayeza
Phambi kokuba iyeza elitsha okanye icebo livavanywe eluntwini, kuthi kufundwe kakhulu ngalo, ixesha elide elebhu kwaye livavanywe kwizilwanyana ezahlukehlukeneyo ukuze kufunyaniswe ukhuseleko kunye nempumezo yalo ephambili. Uvavanyo lwamayeza (amatsha) ophando, oothintela kunye namacebo ngamayeza kuluntu luthi luqhutywe kwizigaba ngezigaba njengoko kuvelisiwe ngasezantsi apha.
Isigaba sokuqala: Esi sisigaba sokuqala apho iyeza alitsha, uthintela, okanye isixhobo sonyango sithi sivavanywe okokuqala kwiqela labantu abaphilileyo. Isigaba sokuqala sovavanyo lweyeza sojoliswe ekuboneni ukhuselo jikelele, umgama womlinganiselo okhuselekileyo kunye neziphumo ezingamkelekanga zeyeza elitsha, uthintela okanye isixhobo sonyango.
Iisgaba sesibini: Kwisigaba sesibini iyeza elitsha livavanywa, uthintela, okanye isixhobo sonyango sivavanywa kwiqela elikhulwana elidla ngokuba ngamakhuli abantu abaphilileyo ngokunjalo nabo banesifo eso iyeza elitsha, uthintela, okanye isixhobo sijoliswe kubo. Injongo yesigaba sesibini sovavanyo lweyeza kukuvavanya ngokungaphaya ukhuseleko kunye nempumezo yeyeza elitsha, uthintela, okanye isixhobo sonyango.
Isigaba sesithathu: Kwesisigaba, iyeza elitsha, uthintela, okanye isixhobo sonyango sivavanywa kwiqela lamakhulu ukuya kumawaka abantu abanesifo eso iyeza, uthintela okanye isixhobo sonyango sijoliswe kubo. Injongo yesigaba sesithathu sovavanyo seyeza kukuva impumezo kunye neziphumo ezingamkelekanga kunye nokuthelekisa iyeza elitsha, uthintela, okanye isixhobo sonyango namayeza amadala asele ebhalisiwe (avunyiweyo), othintela okanye izixhobo zonyango, okanye ezinye indlela zonyango.
Isigaba sesine: Uvavanyo lwamayeza kwesisigaba lwenziwa enva kokuba iyeza elitsha, uthintela, okanye isixhobo sonyango sibhalisiwe phantsi yi-MCC oko kukuthi emva kokuba iyeza elitsha, uthintela, okanye isixhobo sonyango sibhalisiwe kwaye sivunyelwe ukuthengiswa. Isigaba sesine sovavanyo lweyeza sivavanya ngokungaphaya iyeza elitsha, uthintela, okanye isixhobo sonyango kumawaka abantu ukuze: -
Kucace ukhuseleko, impumezo, neziphumo ezingamkelekanga kwilixa elide,
Ukuvavanya iyeza elitsha, uthintela, okanye isixhobo sonyango kwiindawo ezithile zabantu ezinobungozi obukwinqanaba eliphezulu njengabantwana, abalupheleyo, abantu abanesifo sesibindi kunye nezintso, kunye
Ukufumana eminye imisebenzi yeyeza elitsha, uthintela, okanye isixhobo sonyango.
Isigaba ngasinye sinenjongo zaso ezithile kunye neziphumo ezingazuzeka, ukungozi kwaye umenzakalo ungahluka ngokwesigaba.
Kuzo zonke izigaba zovavanyo abantu abathatha inxaxheba kuphando baqwalaselwa ngokungqongqo ukuze kubonwe iziganeko ezingalunganga okanye iziphumo ezingalindelekanga. Iziganeko ezingalindelekanga (I-AEs) zizo naziphina impawu, imiqondiso okanye izifo ezinxulumene neyeza/ unyango oluphantsi koqwalaselo ezingamkelekanga okanye ebekunga joliswanga kuzo. Xa isiganeko esingalunganga sixhalabisa sinoku:-
Sigrogrise ubomi
Sifune ixesha elandeleyo lokulaliswa esibhelele
Sibe nesiphumo esihlala sihleli/ okanye ubulwelwe/ ukungakwazi ukwenza nto
Kukhokhelele kukungabikho mgaqweni kwemvelo/ ukuzalwa unesiphene
Kukhokhelele ekufeni komntwana walowo uthathe inxaxheba oye wahlangana nolufundo ngamayeza okanye isixhobo sonyango ngexa ekhulelwe
Amagama avamise ukusetyenziswa kuvavanyo lwamayeza
Iyeza elithengiswayo liyeza esele libhalisiwe kwabasemagunyeni abalawulayo kweli (MCC) ukuza lisetyenziselwe izifo ezithile. Eliyeza sele lingaphaya kwesigaba sokuphuhliswa kwaye ukulunga, ukukhuseleka kunye nokusebenza kwalo sele kusaziwa. Amayeza athengiswato akwabizwa njengamayeza avunyiweyo okanye amayeza abhalisiweyo.
Imveliso yokuphanda liyeza/ uthintela/ okanye isixhobo sonyango esi kulunga, ukhuseleko/ okanye ukusebenza kwawo okusephantsi kovavanyo lwamayeza olulodwa. Kuse nokuba ngaphezulu kwemveliso enye phantsi kovavanyo lwamayeza. Imveliso yokuphanda ise nokuba ngamayeza/ uthintela okanye isixhobo sonyango esibhalisiweyo okenye esingabhaliswanga. Amanye amagama asetyenziswayo ngala: iyeza lokufunda, ichiza lokufunda, ichiza lokuvavanywa/ iyeza kunye nemveliso yovavanyo.
Umxhasi ngumntu oyedwa, inkampani, iziko okanye umbutho othatha iimfanelo zongeniso, impatho kunye nokulungiselela ngezimali uvavanyo lwamayeza. Abaxhasi idla ngokuba ngabenzi bemveliso yamayeza, urhulumente, amaziko enza uphando, amaziko empilo kaZwelonke (I-WHO), urhulumente wamanye amazwe, njalo njalo.
Umphandi ngumntu onesakhono esithile onoxanduva lokuyila, ukuhlalutya kwaye / okanye anike ingxelo ngovavanyo olulodwa lwamayeza. Abaphandi badla ngokusebenza njengeqela. Inkokheli yeqela labaphandi ibizwa ngokuba nguMphandi oyiNtloko (PI). I-PI isebenza kwaye iphendula kubaxhasi kunye nabasemagunyeni abalawulayo. Abaphandi ingaba ngogqirha, oogqirha bamazinyo , abongikazi, iincutshe zezobalo, iinnzululwazi zezamayeza, oosokhemesti, abanezakhono ezithile zengulo yengqondo, okanye ilungu losingagqirha, njalo njalo.
LUYINTONI NA UXANDUVA LWEQUMRHU LOLAWULO NEZAMAYEZA
Iqumrhu lowawulo lwezamayeza (MCC) leli elilawula ukwenzawa kovavanyo lwamayeza kunye nokubhaliswa kwamayeza kunye nezixhobo zonyango ezisetyenziselwa izifo ezizodwa. I-MCC inoxanduva lokuqinisekisa ukuba lonke uvavanyo lwamayeza lawo mayeza angabhaliswanga kunye nemiqondiso emitsha yamayeza abhalisiweyo ahambiselana meemfuneko zokhuseleko, ukulunga kunye nokusebenza.
Izicelo zovavanyo lwamayeza kunye nokubhaliswa kwamayeza kunye nezixhobo zonyango ziphononongwa yikomiti yeencutshe ye-MCC, ethi iqwalasele phakathi kwezinye izinto iimeko zobunzululwazi, ezonyango, kunye nemiba yemikhwa esesikweni ekusetyenzisweni. Iingxelo ngenkqubela zophando zithunyelwa rhoqo kwi-MCC. Ubungqina bokhuseleko, ukulunga kunye nokusebenza kufuneka buthunyelwe xa kusenziwa isicelo kwi-MCC sokuvunywa kunye nokubhaliswa kweyeza ukuze lisebenze eMzantsi afrika.
ABAXHASI KUNYE NABAPHANDI BANOXANDUVA OLUHLANGENEYO LOKUNIKA INGXELO NGEZIGANEKO EZINGALUNGANGA NGEXESHA ELINGANGAMA-24 EEYURE KWIQUMRHU ELILILO KUQUKA IQUMRHU LOLAWULO LWEZAMAYEZA KUNYE NEKOMITI EJONGENE NEMIKHWA ESESIKWENI
LIYINTONI NA ILUNGELO LAKHO LOMGAQO SISEKO
Nawuphi na umntu othatha isigqibo sokuthatha inxaxheba okanye osele ethatha inxaxheba njengomthathi nxaxheba kuphando lovavanyo lwamayeza unelungelo lokuvuma okusekelwe kulwazi olupheleleyo. Umthetho woMgaqo siseko weRiphablikhi yoMzantsi Afrika wenombolo ka-108 we-1996: Igatya le-12 lithi "Wonke ubani unelungelo kwimfezeko yomzimba nengqondo okuquka ilungelo - ukuba ngokwegatyana u-( c ) angabekwa phantsi kwemeko zovavanyo lwezonyango okanye ezobunzululwazi ngaphandle kwemvume esekelwe kulwazi olupheleleyo".
UVAVANYO LWEZAMAYEZA OLWENZIWE NGAPHANDLE KWEMVUME EYIYO ESEKELWE KULWAZI OLUPHELELEYO IMVUME YABATHATHA INXAXHEBA OKANYE ABO BANIKA IMVUME EGAMENI LABANYE INXAMNYE NOMGAQO SISEKO, AYIHAMBISANI NOKWENZIWA KWEMIKHWA ESESIKWENI KWAYE AYIHAMBISELANI NEZOBUNZULULWAZI.
Yintoni na imvume esekelwe kulwazi olupheleleyo?
Imvume esekelwe kulwazi olupheleleyo yindlela eqhubelekayo apho lowo uthatha inxaxheba ( ongathatha inxaxheba) afunda iinkcukacha ezibalulekileyo ngovavanyo olo lwamayeza lulodwa ukuze akwazi ukuthatha isigqibo sokuba athathe inxaxheba na okanye hayi okanye aqhubeleke ngokuthatha inxaxheba kolo vavanyo lwamayeza.Imvume esekelwe kulwazi olupheleleyo asikuko nje ukugcwalisa uxwebhu lokuvuma kwaye ingesosivumelwano esibophelelayo koko sisiseko semvume yomthathi ngamnye sokuthatha inxaxheba kolu vavanyo.
NJENGOMNTU ONGATHATHA INXAXHEBA KUPHANDO OKANYE UTHATHE INXAXHEBA KUVAVANYO LWAMAYEZA, kufanele wazi oku:-
Imvume yakho esekelwe kulwazi olupheleleyo luyimfuneko ebalulekileyo kuphando oluhamba ngokwemikhwa esesikweni kunye nobunzululwazi. Oku kuthetha ukuba ilungelo lakho, isidima kunye nompilo yakho njengomthathi nxaxheba kuphando ngamaxa onke phambi ngexa kunye nasemva kophando lukhuseleke, luhlonitshwe kwaye lukhuthazwe;
Kufuneka kunikwe lonke ulwazi oluyimfuneko phambi kokuba uthathe isigqibo sokuthatha inxaxheba;
Ulwazi malunikwe ngendlela elula necacileyo kusetyenziswa ulwimi lwakho. Kubalulekile ukuba ube nakho ukuqonda kwaye ubuze imibuzo;
Isigqibo sakho sokuthatha inxaxheba masikhululeke ekunyanzelisweni, ifuthe elinendlela engeyiyo okanye imbuyekezo. Awuyikohlwaywa ngokwala ukuthatha inxaxheba;
Imvume esekelwe kulwazi olupheleleyo kufuneka ibhalwe phantsi kunye inikwe nangomlomo;
Imvume esekelwe kulwazi olupheleleyo kufuneka inikwe ngokubhalwe phantsi, ukuze kufikeleleke kwingxelo yakho yamayeza egciniweyo ngokwenziwe ngokuhambiselana novavanyo kunye nophicotho, ukuhlolwa kwekomiti yemikhwa esesikweni kunye nokuhlolwa kwezolawulo;
Ukhululekile ukuba urhoxe ukuthatha inxaxheba kuvavanyo lwamayeza ngalo naliphina ixesha;
Ikuba uyarhoxa kuvavanyo lwamayeza, oku akuyi kuchaphazela umgangatho wenkathalelo oyakuyifumana.
Ulwazi oluyimfuneko ukuze unike imvume esekelwe kulwazi oluphelelyo
Njengalowo ongathatha inxaxheba okanye othatha inxaxheba unelungelo lokwazi:-
Isizathu sokuvavanywa kwamayeza;
Indela zokuthatha inxaxheba ozakuzilandela kuvavanyo kunye nokungenzeka ukuba unikwe imisebenzi ethile ngendlela engakhethe cala kuyo nganye kwezindlela zokuthatha inxaxheba;
Indlela nenkqubo ezizakulandelwa okanye zisetyenziswe;
Indlela ezahlukileyo zokuthatha inxaxheba kuphando;
Ukwenzakala okunokubakho okanye okhukhona kunye neengozi ezikhoyo;
Inzuzo elindelekileyo kuwe njengonomthathi nxaxheba kunye/ okanye abanye abantu;
Ukubakho kwe-inshorensi yokwenzakala okanye ukunakalelwa xa uthatha inxaxheba kuvavanyo;
Umntu ekunokuqhagamshelwana naye ngesehlo sokwenzakal okunxulumene novavanyo;
Imbuyekezo enikwayo ngokuthatha inxaxheba. Nawuphina umahluko kwimbuyekezo kufuneka ucaciswe;
Ukubakho konyango ngaphaya kwexesha elimiselweyo lovavanyo lonyango;
Umxhasi kunye nakuphina ukbethabethana kwemidla;
Ubungqina bemvume yekomiti ejongene nemikhwa yokwenza ngokusesikweni
Ngoku kungasentla kucacile ukuba bonke abantu abanako ukunika imvume esekelwe kulwazi olupheleleyo okanye abo imvume esekelwe kulwazi olupheleleyo ifumanekayo egameni labo, banako ukuthatha inxaxheba kuvavanyo lwamayeza. Abathathi nxaxheba basukela kubantwana abangekazalwa ukuya kubantu abadala, amadoda okanye abafazi, abaphile kakhulu ukuya kwabagula kakhulu, abaphilileyo okanye abaswelekileyo umntu ongekazalwa, abantwana kunye nabantu abadala.
Kubalulekile ukukhumbula ukuba unokuthatha inxaxheba ngokungathanga ngqo okanye ngokungenzi nto kuvavanyo lwamayeza ngokuthi uvumele ukusetyenziswa kolwazi lwamayeza olufumaneka kumaxwebhu akho amandulo okanye akhoyo agcinwe ngumlungiseleli ojongene nempilo yakho.
Imigaqo ebonakalisa ukuba ngaba umntu ukulungele ukuthatha inxaxheba kuvavanyo lwamayeza olulodwa ibizwa ngokuba yimiqobo yokugweba ukuqukwa, kwaye leyo iphikisanayo nokuthatha inxaxheba ibizwe ngokuba yimiqobo yokugweba ukungaqukwa.
Imiqobo yokugweba ukuqukwa nokungaqukwa ibaluleke ngokungaphaya, yenzelwe ukukhusela abo bathatha inxaxheba kuvavanyo kunye nokuqinisekisa ukuba injongo zovavanyo ziyafezekiswa ngaphandle kobunzima obungeyo mfuneko.
YENZANI IKOMITI YEMIKHWA ESESIKWENI UKUQINISEKISA UKUBA ILUNGELO LAKHO, ISIDIMA, KUNYE NEMPILO YAKHO IKHUSELEKILE?
Imigaqo yoVavanyo lwaMayeza yoMzantsi Afrika ifuna okokuba imithetho yokuziphatha kunye namanye amaxwebhu afunekayo ovavanyo lwamayeza olucetyiweyo lwenze uhlolo lwemikhwa esesikweni ngokuzimeleyo yikomiti yemikhwa esesikweni eqinisekisiweyo, evumelana nomgangatho esekwe liBhunga loPhando lempilo likaZwelonke lemikhwa Esesikweni. Uhlololwemikhwa esesikweni lunenjongo yokuqinisekisa ukhuseleko lwabanakho ukuthatha inxaxheba kuphando. Luvavanyo oluvunyiweyo yikomiti yemikhwa esesikweni eqinisekisiweyo kuphela olunokuthi lwenziwe eMzantsi Afrika.
Ikomiti yeMikhwa eseSikweni iqwalasela oku xa iphonononga izndululo zovavanyo lwamayeza: -
Ukungqala kophando nezobunzululwazi
Abaphandi bakulungele na ukuphanda ngokwezithwaselo-mfundo, ukufumaneka, amava
Ukungqamana kwesicelo sophando kunye nejongo zophando
Ukulungela uphando koluntu olu luzakwenziwa kulo ukuba ingaba luliqela elisemngciphekweni kunye nokuba ingaba akhona amanyathelo awoneleyo athathiwe na ukukhusela imfuno zabo
Uhlahlelo lokuthelekisa iingozi noncedo luziqwalasele na ingozi noncedo olungakhona ngaphaya kwexesha lophando
Ukuba kuzakusetyenziswa izinto ezifana namayeza kodwa ingengawo (osinga mayeza), ingaba zikhona izizahtu zoko
Ingaba ngokuthatha inxaxheba kuvavanyo lwamayeza, abo bathatha inxaxheba kunye nabanye abantu abalelwa ukufikelela kwabezonyango, uphando, izixhobo oakanye inkqubo ngokukhawulezileyo
Ukwanela nokuphelela kolwazi olubhaliweto oluzakunikezalwa kubathathinxaxheba, izizalwane zabo, abagcini babo kunye nabameli babo basemthethweni
Okukuba abo bathatha inxaxheba kunye/okanye abameli babo banikwa ixesha elaneleyo ukuze baqwalasele umqulu wolwazi phambili kokuba imvume esekelwe kulwazi oluphelelyo ifunwe
Ukufaneleka komongo wopapasho kune nezaziso ezizakusetyenziswa ukukhweba abathathi nxaxheba
Uphando lukhusela amlungelo entlalo yangasese
Ubungakanani bomvuzo oya kubaphandi kunye nabathathinxaxheba ngokuthatha inxaxheba.
Imigaqo yokwenza uVavanyo lwaMayeza eMzantsi Afrika inyanzelisa ukuba iiKomiti zeMikhwa eseSikweni zinike uqwalaselo kumaqela athile abantu kuquka abantwana, abo bafikisayo ebuntwini, omama abakhulelweyo, indawo zokuhlala ezisemngciphekweni, abo bagula ngokungasenakuncedwa, abalupheleyo, abasuka kumaqela amancinane kunye nabasebenzi.
Ezinye zenzuzo zokuthatha inxaxheba kuvavany lwamayeza
Uvavanyo lwamayeza lwenziwa kuphela ngenjongo yokulinga amayeza, izixhobo zonyango, indlela zonyango ezikuthi ekugqibeleni zibe nokufumaneka kwimpilo yabantu. Ngokuthatha inxaxheba koluvavanyo: -
Ungaba wenza igalelo kuphando lwezonyango kunye nokuqhubela phambili kwenkathalelo yezempilo jikelele kwaye unceda uluntu lwakokwenu
Ukuthatha inxaxheba kuvavanyo lwamayeza akukujongwa ngengentsusa yomvuzo okanye ukongeza umvuzo, kodwa phantse bonke abaxhasi bayayibuyekeza inkcitho efanelekileyo enxulumene nentatho nxaxheba, kuquka inkcitho yekuhamba, ukutya, inkathalelo yonyango nembuyekezo yemo ezimaxongo ezinobungqina kwaye zine-inshorensi ezinxulumene novavanyo.
Ezinye zengxaki zokuthatha inxaxheba kuvavanyo lwamayeza
Kusenokuba neziganeko ezingalunganga (SAEs) ezinxulumene namayeza okanye indlela ezisetyenziswayo kuvavanyo, kodwa ke abathathi nxaxheba kuphando bayalandelelwa ngoqhaphelo olumandla ukuze i-SAEs ziqwalaselwe kwantlandlolo kwaye zilawulwe ngokufanelekileyo. Kubakho ne-inshorensi kwezinye imeko ze-SAE, ukuze abo bathatha inxaxheba babe nako ukubuyekezwa ngokuyinfuneko. Amayeza, othintela, izixhobo zonyango okanye indlela zonyango ezisetyenziswa kuvavanyo zisengangabi namiphumela iyiyo kwingulo yakho; kodwa ke indlela zokhuselo ezisekiweyo ukuze abo bangaxhamliyo kwindlela zolawulo lovavanyo lonyango batshintshelwe kolunye unyango olungayimpumelelo ekhawulezileyo okanye ekupheleni kovavanyo. Imiqathango yovavanyo ingafuna utshintsho kwenye okanye kwezinye iindlela zobomi bakho, ngengokuthi
Kungafuneka ubeke ecaleni ukuze ukwazi ujongana nezinto ezingqalene novavanyo njengokuhambela indawo ekwenzelwa kuyo uvavanyo
Akunako ukusebenzisa amanye amayeza kuquka awemveli ngaphandle kwemvume yogqirha wakho wovavanyo
Ubomi bakho babucala okanye basekuhlaleni bungachaphazeleka, njenge zokubandakanyeka kwimiba yesondo, ukuzala, ukusela utywala, icuba okanye usebenzisa iziyobisi ngokungaphaya, njalo, njalo
Kungafuneka uhambele umntu wakho wabucala okunika unyango kuzo zonke ezinye izigulo ezinganxulumananga novavanyo, kodwa ke kusafuneka ukuba wazise lowo ukunika unyango bucala ukuba uyinxalanye yovavanyo kwaye amanye amayeza okanye indela zokunyanga azinakuhambiselana nemigathango ekhokhela uvavanyo
Umqeshi wakho, uncedo lwakho lwezonyango (medical aid), i-inshorensi yakho kunye/okanye noMkhomishinala weMbuyekezo kumeNzakalo yaseMasebenzini usenokungakuhlawuli amabango anxulumene neziganeko engumphumela wokuthatha inxaxheba kuvavanyo lwamayeza; kungoko ke kubaluleke ngamandla ukuba uqiniseke ukuba umxhasi une-inshorensi equka konke kwaye efanelekileyo enxulumene nawe.
Kubalulekile ke ukuba uyixixe intatho nxaxheba yakho kuvavanyo lwamayeza nosapho lwakho nabo bonke aba bakuchatshazeleka phambi kokuba uzibandakanye novavanyo.
